Numbers 14:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Mna Yehova nditetile; ngenyaniso lento ndiya kuyenza kuyo yonke lentlanganiso ekohlakeleyo, abazihlanganisele ngakum: kulentlango baya kugqibeka, nakona apo baya kububa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna Yehova ndithethile; inene, le nto ndiya kuyenza kweli bandla lonke lingendawo, kwaba bahlangene ngam; baya kuphela kule ntlango, bafele kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mna, iNkosi, ndathi: Ndiya kuyenza le nto kulo lonke eli bandla likhohlakeleyo elindihlanganiseleyo; baya kutshabalala kule ntlango, bafele khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenene mna Ndikhoyo ndiyafunga, ndiza kuyenza le nto kuni, zikhohlakalindini zabantu ezidibene ngam. Nonke, ngabanye ngabanye, niza kufela apha kule ntlango.’ ”