Numbers 14:39 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Mosesi wateta lamazwi kulo lonke usapo luka‐Sirayeli: bati abantu balila kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawathetha uMoses la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli; benza isijwili esikhulu abantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawathetha ke uMoses koonyana bakaSirayeli bonke loo mazwi, bakhala abantu kakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli enza isijwili esilusizi uMosis akuwaxelela into ethethwa *nguNdikhoyo.