Numbers 14:43 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ama‐Amaleki naba‐Kanane sebekona pambi kwenu, naniya kuwa ngesiṙele: ngenxa yokuba nipambukile kuyehova, kukona uyehova angayi kubako nani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ama-Amaleki namaKanan akhona phambi kwenu, niya kuwa likrele; ngenxa yokuba nibuyile ekumlandeleni uYehova, akayi kuba nani uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ama-Amaleki namaKanan aphambi kwenu, niya kuwa likrele; ngokuba umnikele umva uYehova, akayi kuba nawe uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niya kuqubisana nama-Amaleki namaKanana. Nofela apho edabini, kuba engekho ngakuni uNdikhoyo, ngenxa yokuba nina nikreqile ekumlandeleni.”