Numbers 14:45 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwehla ke ama‐Amaleki naba‐Kanane abebehlala kulontaba, bababeta, babacita, kwada kwase‐Horema.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ehla ama-Amaleki namaKanan abehleli kuloo ntaba, abaxabela, abaqoba kwasa eHorma.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ehla ke ama-Amaleki namaKanan awayehlala kuloo nduli, awoyisa aza adubaduba lawo ukuya kufikelela eHorem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wona ke ama-Amaleki namaKanana, abemi baloo mmandla, bawahlasela bawoyisa amaSirayeli, baza bawaswantsulisa aya kutsho eHoma.