Numbers 14:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zeniti kodwa ningamvukeli uyehova, nabantu belozwe ningaboyiki; ngokuba besisonka setu; kumkile kubo umtunzi wabo, uyehova unati; ningaboyiki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa musani ukugwilika kuYehova, musani ukuboyika abantu belo zwe nina; kuba bakukudla kwethu. Umkile umthunzi wabo kubo, uYehova unathi; musani ukoyika.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa musani ukugwilika kuYehova, ningaboyiki abantu belo zwe nina; ngokuba kukudla kwethu; Umkile kubo ikhusi labo, ngokuba uYehova unathi; musani ukuboyika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nto nje nina musani ukumvukela uNdikhoyo, ningabaxhaleli nabemi belo lizwe, kuba siya kuboyisa lula. UNdikhoyo ungakuthi, ibe ke bona bakukutya kwethu, kuba *izithixo zabo azinakubanceda. Hayi bo, sanukuba nadyudyu ngenxa yabo!”