Numbers 15:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni kupambukele kuni owasemzini, umhlaumbi osukuba epakati kwenu, ngezizukulwana zenu, oya kuwenza umnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova, njengokuba nisenza nina, uya kwenje njalo naye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa athe waphambukela kuni umphambukeli, nokuba ngophakathi kwenu ezizukulwaneni zenu, wenza ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova: njengoko nenza ngako nina, uya kwenza ngakonaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kube ngathi kuphambukele kuni umphambukeli, ezizukulwaneni zenu, xa athe waphambukela kuni, wazisa ivumba elithozamisayo kuYehova, ivumba elithozamisayo; njengoko nisenza ngako, uya kwenza ngako.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nanini na xa owolunye uhlanga ophakathi kwenu esenza idini ngomlilo elivumba liyolileyo kuNdikhoyo, naye makahambe kwangale miqathango.