Numbers 15:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa lowamntu owenzayo ngesandla esipakamileyo, nokuba ungozelweyo elizweni, nokuba ungowasemzini, oyena uyagxeka uyehova; ngako umntu lowo wonqanyulwa pakati kwabantu bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke yena owenza ngesandla esiphakamileyo kwabazalelwe kuloo ndawo nakubaphambukeli, yena uyamnyelisa uYehova; loo mphefumlo ke wonqanyulwa, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke yena othe wakhukhumala, waba ngozalelwe ezweni nokuba ngumphambukeli, uyamdela uYehova; loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kambe ke yena umntu owone ngabom, engowomthonyama okanye umngeneleli, woba netyala lokunyelisa uNdikhoyo. Ngoko ke makabulawe,