Numbers 15:39 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
eniya kuba nalo kuyo imiqukumbelo, ukuba nilukangele, nokuba niyikumbule yonke imiyalelo kayehova, niyenze; nokuba ningalandeli okweyenu intliziyo nokwawenu amehlo, enibe niṙexezela emva kwako;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mayibe yintshinga kuni; nithi, nakuyibona, niyikhumbule yonke imithetho kaYehova, niyenze, ningabhaduli nilandele intliziyo yenu, namehlo enu, enibe nihenyuza ngokulandela wona;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Woba ngumqondiso kuni, ukuba niwubone, niyikhumbule yonke imithetho kaYehova, niyenze; nokuze ungayigocagoci intliziyo yakho namehlo akho, obuye wahenyuza emva koko;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezo ntshinga zoba sisikhumbuzo, nize nithi maxa onke nizibona zitsho nikhumbule imiyalelo kaNdikhoyo niyithobele, khon' ukuze ningahendeki nibhaduliswe ziinkanuko zenu.