Numbers 16:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako akusizisanga ezweni elela ubisi nobusi, nelifa lamasimi nezitiya zemiti yeveyine akusinikanga lona: amehlo alamadoda wowancotula yinina? asiyi kunyuka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo akusingenisanga ezweni elibaleka amasi nobusi, akusinikanga lifa lamasimi nazidiliya; uya kuwakrukra na amehlo ala madoda? Asiyi kunyuka size.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo akusingenisanga ezweni elibaleka amasi nobusi, akusinikanga lifa lamasimi nezidiliya; Uya kuwakrazula na amehlo aba bantu? asiyi kunyuka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ngoku ungekasifikisi kwelaa lizwe lamasi nobusi, ungekasiniki nelifa lamasimi nezidiliya! Ucinga ukuba siziimfama? Asizi!”