Numbers 16:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wateta kuyo intlanganiso, esiti: Mkani ke ezintenteni zalamadoda akohlakeleyo, ningacukumisi nanye into eyeyawo, hleze nibujiswe kuzo zonke izono zawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha kwibandla esithi, Mkani ezintenteni zala madoda angendawo, ningachukumisi nto iyeyawo, hleze niphetshethwe ngezono zawo zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha nebandla, wathi, Phumani ezintenteni zala madoda angendawo, ningachukumisi nto iyeyawo, hleze nitshabalale ezonweni zawo zonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Khwelelani kwimizi yala madoda akhohlakeleyo, ningakhe nichukumise nento le yawo, hleze nani nitshayelwe kunye nawo ngenxa yezono zawo.”