Numbers 16:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza benyuka entlalweni ka‐Kora, n o‐Datane, no‐Abirame, ngamacala onke; koko u‐Datane no‐Abirame bapumayo, bema emnyango wentente zabo, kwa nabafazi babo, nonyana babo, nentsatshana zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Benyuka ke, bemka emzini kaKora noDatan noAbhiram ngeenxa zonke. OoDatan noAbhiram bema emnyango weentente zabo, nabafazi babo, noonyana babo, neentsatshana zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Benyuka bemka emnqubeni kaKora noDatan noAbhiram, bajikelezisa; baphuma ooDatan noAbhiram, bema emnyango weentente zabo, nabafazi babo, noonyana babo, nabantwana babo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke amaSirayeli azikhwebula kwimizi yooKora noDatan noAbhiram. Ke kaloku uDatan noAbhiram babephumile, bema kwiminyango yezindlu zabo, ndawonye nabafazi nabantwana kwaneentsana.