Numbers 16:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Mosesi: Kwa ngoku niya kukwazi ukuba uyehova unditumile ukuze ndiyenze yonke lemisebenzi; ngokuba ndinga yenzanga ngeyam intliziyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses, Niya kwazi ngale nto, ukuba uYehova undithumele ukwenza yonke le misebenzi; ngokuba asiyantliziyo yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses, Niya kwazi ngale nto, ukuba uYehova undithumele ukwenza yonke le misebenzi; kuba andenzanga ngokuthanda kwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uMosis wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Ngoku kuza kucaca kuni, kuba ngenene ezi zinto andizenzeli ngokuthanda kwam, koko nguNdikhoyo ondithuma ukuba ndizenze.