Numbers 16:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye bebutelana ngakuye u‐Mosesi nangakuye u‐Arone, bati kubo: Kwanele nina! ngokuba yonke intlanganiso, bonke abayo bebangcwele, noyehova upakati kwabo: kunganina ke ukuba nizipakamisa pezu kwomhlambi kayehova?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babizelana ndawonye ngoMoses nangoAron, bathi kubo, Nisenanele nina, ngokuba lingcwele lonke ibandla, bonke bephela; uYehova uphakathi kwabo. Yini na ukuba niziphakamise phezu kwesikhungu sikaYehova?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bababiza uMoses noAron, bathi kubo, Nisenanele nina, ngokuba lingcwele lonke ibandla, elowo kubo; uYehova uphakathi kwabo; niziphakamisile ngoko ebandleni likaYehova?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Beza belihlokondiba elichase uMosis noAron, baza bathi kubo: “Kungokunje nigabadele! Ubonanje ibandla liphela lamaSirayeli libango *likaNdikhoyo; kwaye futhi uNdikhoyo ukho phakathi kwalo. Ngani ke ukuba nizenze bhetele kangaka kunebandla lamaSirayeli?”