Numbers 16:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti ukuba uyehova uyadala ummangaliso, uze umhlaba wakamise umlomo wawo, ubaginye bona, nako konke abanako, bade bahlele esihogweni behleli, niya kwandula nikwazi ukuba lamadoda adelile uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba uYehova uthe wenza isimanga, umhlaba wakhamisa umlomo wawo, wabaginya, nento yonke abanayo, behla besaphilile baya kwelabafileyo, noqonda ngoko ukuba la madoda amgibile uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ukuba uYehova uthe wenza into entsha, umhlaba wavula umlomo wawo, wabaginya, nento yonke abanayo, behla baye emhadini behleli; uya kwandula uqonde ukuba kutheni la madoda ehlekisa ngawo uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ukuba uNdikhoyo wenze into engazange ihle nanini na, kwavuleka umhlaba, waginya la madoda nako konke okwawo, ngohlobo lokuba ehle aye kwelabafileyo ehleli, ze niqonde kakuhle ke ukuba aba bantu bamdelile uNdikhoyo.”