Numbers 16:37 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yitsho ku‐Elezari unyana ka‐Arone, umperisite, ukuba acole iziqumelo ekutsheni; uze umlilo uwucitele kude; ngokuba zingcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yitsho kuElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, azichole iingcedevu eluvundwini, wena uwuchithachithele kude umlilo, ngokuba zingcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thetha kuElazare, unyana ka-Aron, umbingeleli, ukuba azithabathe iingcedevu zomlilo ovuthayo, awubeke khona umlilo; ngokuba bathenjisiwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Yithi kuElazare unyana wombingeleli uAron asuse imicephe yomlilo yobhedu kuthuthu lwalaa madoda atshileyo, aze wona amalahle akuyo awasarhaze, kuba imicephe leyo ingcwele.