Numbers 16:40 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
esiya kuba yinkumkuzo elusatsheni luka‐Sirayeli, ukuba akusayi kusondela namntu ongowasemzini, ongenguye owenzalo ka‐Arone, ukuza kuqumisa isiqumiso pambi kwoyehova; ukuze angabi njengo‐Kora, nanjengembuto yake; njengokuba uyehova ebetshilo kuye ngesandla sika‐Mosesi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yaba sisikhumbuzo eso koonyana bakaSirayeli, ukuze kungasondeli ndoda yasemzini, ingengowembewu ka-Aron, iqhumisele ngesiqhumiso phambi koYehova, ukuze ingabi njengoKora nanjengebandla lakhe, njengoko uYehova wathethayo kuye ngoMoses.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaba sisikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, ukuba kungabikho mntu wasemzini, ongoonyana baka-Aron, osondela ukuba aqhumisele ngesiqhumiso phambi koYehova; ukuze angabi njengoKora nakwinkoliso yabantu bakhe, njengoko uYehova wathethayo kuye ngoMoses.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Esi ke yaba sisikhumbuzo kumaSirayeli, khon' ukuze angalibali ukuba akukho mntu uvumelekileyo ukuba aye kwiqonga lamadini, enze isiqhumiso phambi koNdikhoyo, engenguye owomlibo ka-Aron. Ngapha koko ke owenze into enjalo uya kutshatyalaliswa, axel' uKora nabantu bakhe. Yonke ke le nto yenziwa ngokomyalelo owathunyelwa nguNdikhoyo kuElazare ngoMosis.