Numbers 16:46 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Mosesi ku‐Arone: Tabata isiqumelo, ufake kuso umlilo uvela esibingelweni, ubeke nesiqumiso, uze unxame uye entlanganisweni, ubenzele uxoliso: ngokuba sekupumile umsindo ebusweni bukayehova; isibulalo sesiqaliwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses kuAron, Luthabathe ugcedevu, ubeke umlilo phezu kwalo ovela esibingelelweni, ubeke isiqhumiso, ukhawuleze uye ebandleni, ubacamagushele; kuba kuphume uburhalarhume ebusweni bukaYehova, siqalile isibetho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses kuAron: “Thabatha ugcedevu uze ugalele umlilo ovela esibingelelweni phezu kwaso, ugalele nesiqhumiso phezu kwaso, uye ngokukhawuleza uye ebandleni, usicamagushele, ngenxa yokuba kuphume umsindo kaYehova; isibetho siqalile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza ke uMosis wabhekisa kuAron wathi: “Thatha umcephe wakho womlilo, ugalele amalahle owathatha kwiqonga lamadini, uthi saa isiqhumiso. Wakugqiba ke, khawuleza uye phaya ebantwini ubacamagushele. Khawulezisa, kuba uNdikhoyo uyavutha ngumsindo, ibe ke sezibonakala iimpawu zikabhubhani.”

Recommended Reading