Numbers 16:47 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Arone watabata njengokuba ebetshilo u‐Mosesi, wabalekela pakati kwomhlambi; kekaloku, nasi isibulalo sesiqaliwe pakati kwabantu: waza wafaka isiqumiso, wenzela abantu uxoliso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathabatha ke uAron njengoko uMoses wathethayo, wabalekela phakathi kwesikhungu; naso isibetho siqalile ebantwini. Wabeka isiqhumiso, wabacamagushela abantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathabatha uAron njengoko uMoses wamwisela umthetho, wabaleka phakathi kwebandla; nanko ke, uqalile ukwahlukana phakathi kwabantu, wabavuthulula inkunkuma abantu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko nangoko ke uAron wawuthobela umyalelo kaMosis, wawuthatha umcephe wakhe, wakhawuleza waya kungena phakathi kwebandla lamaSirayeli. Wathi akubona ukuba ubhubhani seleqalisile, wafaka isiqhumiso apho emalahleni, wawacamagushela amaSirayeli.