Numbers 16:49 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku abo babubayo ngesibulalo eso, bebengamawaka alishumi linesine, enamakulu asixe̔nxe, ngapandle kwabo abebebubile pezu kwawo umcimbi ka‐Kora.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abo bafayo sisibetho baba lishumi elinesine lamawaka anamakhulu asixhenxe, ngaphandle kwabafayo ngendawo yakwaKora.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abo bafayo sisibetho baba lishumi elinesine lamawaka anamakhulu asixhenxe, ngaphandle kwabafayo ngenxa kaKora.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku abantu abafa ngeso sihlandlo sodwa yaba lishumi elinesine lamawaka anamakhulu asixhenxe, ngaphandle kwabo bafa mhla ngogwayimbo lukaKora.