Numbers 16:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wateta ku‐Kora, nakuyo yonke imbuto yake, esiti: Kwa kusasa uyehova uya kwazisa ongowake, noyingcwele, amsondeze kuye: kwa lowo umnyulileyo uya kumsondeza kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha kuKora nakwibandla lakhe lonke, esithi, Ngomso uYehova uya kwazisa ongowakhe, ongcwele, amsondeze kuye, lowo amnyulileyo womsondeza kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha kuKore nakwingxokolo yakhe yonke, esithi, Ngomso uYehova uya kumazisa ongcwele; wasondela kuye; lowo amnyulileyo uya kumsondeza kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza ke wabhekisa kuKora nabalandeli bakhe, wathi: “Ngomso kusasa uNdikhoyo uza kukhe asibonise ukuba ngubani na kanye umnyulwa wakhe. Lowo ke ungowakhe ncam, lowo amkhethileyo, uya kumsondeza.