Numbers 17:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati uyehova kanjako ku‐Mosesi: Intonga ka‐Arone uyibuyisele pambi kwesinqi̔no, ize igcinelwe umqondiso ngakulo usapo lwokungeva; kwa njalo uya kupezisa ukuṙoṙa kwalo ngakum, ukuze lungafi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Yibuyisele intonga ka-Aron phambi kwesingqino igcinwe, ukuba ibe ngumqondiso kwabaneenkani, ukuphelise ukukrokra kwabo phambi kwam, bangafi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Yibuyisele intonga ka-Aron phambi kwengqina, ibe ngumqondiso kubawexuki; uzisuse kum neendudumo zabo, ukuze bangafi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba athathe intonga ka-Aron, ayibeke kwaphambi kwetyesi yomnqophiso. Watsho esithi mayigcinwe apho, khon' ukuze ibe sisikhumbuzo kumaSirayeli agwayimbayo, khon' ukuze ayeke ukukhalaza, hleze afe.