Numbers 18:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WAZA wati uyehova ku‐Arone: Wena, nonyana bako, nendlu kayihlo kunye nawe, niya kutwala inkohlakalo yeyingcwele indawo; kanjalo wena, nonyana bako kunye nawe, niya kutwala inkohlakalo yobuperisite benu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuAron, Wena noonyana bakho, nendlu kayihlo ndawonyenawe, nobuthwala ubugwenxa obenziwe kwindawo engcwele;wena noonyana bakho ndawonye nawe nobuthwala ubugwenxa bobubingeleli benu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuAron, Wena noonyana bakho, nendlu kayihlo, nobuthwala ubugwenxa obenziwe kwindawo engcwele; wena noonyana bakho nobuthwala ubugwenxa bobubingeleli benu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wathi kuAron: “Wena noonyana bakho ndawonye nabaLevi nithwala uxanduva ngaso nasiphi na isigqitho esinxulumene nokubusa esibingelelweni; kodwa nguwe kuphela noonyana bakho abaya kuthwala uxanduva ngesigqitho esinxulumene nobubingeleli.