Numbers 18:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oku kokwako nako: umnikelo wokufunqufunqulwa wokupa kwalo, kunye nayo yonke iminikelo yokushukushukunyiswa yosapo luka‐Sirayeli; ndiyinikile kuwe, nakonyana bako, nakwintombi zako kunye nawe, ngommiselo ongunapakade; bonke abacocekileyo endlwini yako baya kutya oko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yile into eyoba yeyakho: umrhumo wesipho sabo emitshangatshangisweni yonke yoonyana bakaSirayeli ndiwunika wena, noonyana bakho, neentombi zakho ndawonye nawe, ube ngummiselo ongunaphakade. Bonke abahlambulukileyo endlwini yakho bowudla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye yeyakho; namaqashiso ezipho zabo, namaqashiso onke amaqashiso oonyana bakaSirayeli; ndikunika wena, noonyana bakho, neentombi zakho, nawe, ube ngummiselo ongunaphakade; bonke abahlambulukileyo endlwini yakho bowudla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nayiphi na eminye iminikelo enikelwa kum ngamaSirayeli yeyenu. Ndiyipha wena noonyana neentombi zakho, isisabelo senu esisisigxina. Yona ke yotyiwa nguye nabani na *ongenamlaza kwintsapho yakho.