Numbers 18:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bonke ubunqata beoli, nabo bonke ubunqata beveyine, nobenqolowa, iziqalo zazo, oluya kuzinika kuyehova, ndikunikile zona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Konke ukutyeba kweoli, konke ukutyeba kwewayini entsha, nokwengqolowa, ulibo lwezo zinto baya kuzinika uYehova, ndikunika lona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yonke ioli etyebileyo, newayini entsha emnandi, nengqolowa, ulibo lwezo zinto baya kuzinika uYehova, ndikunika lona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndikunika lonke ulibo lwezilimo oluziswa ngamaSirayeli kuNdikhoyo: amafutha omnquma, iwayini, nengqolowa. Zonke ke zoba zezakho, zityiwe ngabo bonke abangenamlaza kwintsapho yakho.