Numbers 18:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Konke ekuzityulwa ngako pakati kwenyama yonke, abaya kukusondeza kuyehova, pakati kwabantu, napakati kwezilo, kwoba kokwako; kodwa amazibulo abantu uya kugqibela ukuwakulula, namazibulo ezilo ezinco̔lileyo uya kukulula wona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zonke izinto ezivula isizalo kwinyama yonke, abaya kuzisondeza kuYehova, ebantwini nasezinkomeni, zoba zezakho.Kodwa wona amazibulo abantu wowakhulula ngokuwamisela;amazibulo ezinto ezizitho zine eziziinqambi wowakhulula ngokuwamisela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yonke into evula isizalo enyameni yonke abayizisa kuYehova, ebantwini nasezinkomeni, yoba yeyakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lonke izibulo, elomntu nelemfuyo, elinikelwa ngamaSirayeli kum, lelakho. Kodwa ke makahlawulelwe umntwana wamazibulo, nezibulo lesilwanyana esingàtyiwayo ngokunjalo.