Numbers 18:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yonke iminikelo yokufunqufunqulwa yezinto ezingcwele, oluya kunikela ngayo usapo luka‐Sirayeli kuyehova, ndiyinikile kuwe, nakonyana bako, nakwintombi zako kunye nawe, ngommiselo ongunapakade: lucebano lwetyuwa olungunapakade, pambi kwoyehova, kwa kuwe nakwinzalo yako kunye nawe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yonke imirhumo engcwele, abayirhumela uYehova oonyana bakaSirayeli, ndiyinika wena, noonyana bakho, neentombi zakho ndawonye nawe, ibe ngummiselo ongunaphakade; ingumnqophiso wetyuwa ongunaphakade phambi koYehova, kuwe nakwimbewu yakho ndawonye nawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yonke imisondezo engcwele, abayisondezayo oonyana bakaSirayeli kuYehova, ndiyinika wena, noonyana bakho, neentombi zakho ndawonye nawe, ukuba ibe ngumthetho ongunaphakade; ingumnqophiso wetyuwa ongunaphakade phambi koYehova. Nkosi kuwe, nakwinzala yakho, nakuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Yonke iminikelo eyodwa evela kumaSirayeli ndiyipha wena noonyana neentombi zakho zisisabelo senu esisisigxina. Lo ke ngumnqophiso ongasoze uthini endiwenza nawe nesizukulwana sakho.”