Numbers 18:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakanjako, abazalwana bako, isizwe sika‐Levi, isizwe soyihlo, ubasondeze nawe, ukuze babandakanyelwe kuwe, bakukonze: kodwa wena, nonyana bako kunye nawe, noba pambi kwentente yesinqi̔no.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo abazalwana bakho, isizwe sakwaLevi, isizwe sikayihlo, wobasondeza nawe, banamathele kuwe, balungiselele wena; wena ke, noonyana bakho ndawonye nawe, phambi kwentente yesingqino.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abazalwana bakho, esizweni sakwaLevi, esizweni sikayihlo, wobasondeza nawe, banamathele kuwe, bakukhonze; ke wena noonyana bakho nokhonza phambi komnquba wesingqino.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phuthuma abo uzalana nabo bendlu kaLevi, usebenze nabo bakuncedise xeshikweni wena noonyana bakho nibusayo esibingelelweni.