Numbers 18:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati uyehova kanjalo ku‐Arone: Akuyi kulamkela ilifa elizweni lalo, akuyi kuba naso isabelwa pakati kwalo kanjako; mna ndisisabelwa sako nelifa lako pakati kwosapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuAron, Ezweni labo akuyi kuba nalifa, akuyi kuba nasabelo phakathi kwabo; ndisisabelo sakho nelifa lakho phakathi koonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuAron, Ezweni labo akuyi kuba nalifa, akuyi kuba nasabelo phakathi kwabo; Ndim isahlulo sakho nelifa lakho phakathi koonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathetha noAron, wathi: “Ke wena apha kwaSirayeli akuyi kuzuza sabelo sililifa lakho, ungayi kuzuza namhlaba. Kaloku esakho isabelo, ndawonye nelifa, ndim mna Ndikhoyo.”