Numbers 18:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba mna, bona ke, nditabatile abazalwana benu, aba‐Levi, kwa pakati kwosapo luka‐Sirayeli; basisipiwo kuni bepiwa uyehova, ukuba bayenze inkonzo yayo intente yentlangano.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna ke, yabona, ndibathabathile abazalwana benu, abaLevi, phakathi koonyana bakaSirayeli; nibanikiwe bangumnikelo kuYehova wokusebenza umsebenzi wentente yokuhlangana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabonani, ndibathabathile abazalwana benu, abaLevi, phakathi koonyana bakaSirayeli; ninikelwe ukuba nisebenze umsebenzi wentente yokuhlangana, kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndim ngokwam ozinyulele abanakwenu abaLevi kumaSirayeli. Basisipho kuni babingeleli, khon' ukuze benze imisebenzi esibingelelweni.