Numbers 18:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wena, nonyana bako kunye nawe, niya kugcina ubuperisite benu kuzo zonke izinto zesibingelo, nakokwapakati kwekuselo; naniya kukonza: ubuperisite benu ndibunikile bube yinkonzo yokupiwa; nowasemzini osondelayo yena uya kufiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke wena noonyana bakho ndawonye nawe, nobugcina ububingeleli benu ezintweni zonke zesibingelelo, nangaphaya komkhusane; nisebenze umsebenzi. Ndininika ububingeleli ukuba bube ngumsebenzi eniwunikiweyo. Owasemzini osondelayo uya kubulawa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena noonyana bakho niya kwenza umsebenzi wobubingeleli benu ezintweni zonke eziphuma esibingelelweni, nangaphaya komkhusane; nokhonza; ndininikile ububingeleli benu njengesipho; yaye umxube osondelayo mawubulawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nguwe noonyana bakho kuphela abanoxanduva lokulungiselela mayela neqonga lamadini ndawonye negumbi eliyingcwele kangcwele. Lo msebenzi wenu wobubingeleli sisipho enisinikwa ndim. Nabani na othe wasondela kwizinto ezingcwele engenalungelo wobulawa.”