Numbers 18:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walekela wateta uyehova ku‐Arone, esiti: Mna, bona ke, ndandikunikile ukugcinelwa kweminikelo yam yokufunqufunqulwa; eyazo zonke izinto ezingcwele zosapo luka‐Sirayeli ndiyinikile kuwe ngenxa yokutanjiswa, nakubo onyana bako, ngommiselo ongunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha uYehova kuAron, esithi, Yabona, mna ndikunika isigxina semirhumo yam, ezintweni zonke ezingcwele zoonyana bakaSirayeli; ndisinika wena noonyana bakho sibe ngumxhesho, sibe ngummiselo ongunaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuAron, Yabona, mna ndikunika umsebenzi wezipho zam zonke ezingcwele zoonyana bakaSirayeli; ndiwunika wena noonyana bakho zibe ngumxhesho ongunaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wathi kuAron: “Iminikelo eyenzelwa mna yolawulwa nguwe; yonke iminikelo eyenziwe ngamaSirayeli kum ndiyinika wena noonyana bakho ibe yinxaxheba nesabelo senu esisisigxina.