Numbers 19:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Osukuba ecukumisa ofileyo, umzimba ofileyo womntu osel’ efile, kanti akazihlambululi, uyanco̔lisa itabanakele kayehova; ngako lowampefumlo wonqanyulwa kwa‐Sirayeli: ngokokuba amanzi okuhlanzekisa ebengatshizwanga pezu kwake, woba enco̔lile; ukunco̔la kwake kuseko kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abo bachukumisa ofileyo, isidumbu somntu, bangazihlambululi isono, bawenza inqambi umnquba kaYehova.Wonqunyulwa ungabikho kwaSirayeli loo mphefumlo; ngokuba engatshizwanga ngamanzi okuhlamba ukungcola phezu kwakhe, woba yinqambi; ubunqambi bakhe busekuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke abo bachukumisa ofileyo, bangazihlambululi isono, bawenza inqambi umnquba kaYehova; unqunyulwe kwaSirayeli loo moya; ngokuba engagalelwanga phezu kwakhe ngamanzi okuhlamba, woba yinqambi; ubunqambi bakhe busephezu kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena ochukumise isidumbu waza akazihlambulula, ugqwalisa *isibingelelo *sikaNdikhoyo. Umntu onjalo makasikwe kwaSirayeli; kaloku akatshizwanga ngamanzi entlambululo. Wohlala egqwalisekile.