Numbers 19:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nangu umteto, xeshekweni umntu aya kububa ententeni: bonke abangenayo kulontente, nabo bonke abapakati kwalontente, boba benco̔lile imihla isixe̔nxe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nguwo lo umyalelo xa athe umntu wafela ententeni; bonke abo bangena ententeni, nabo bonke abasukuba besesententeni, boba ziinqambi iintsuku ezisixhenxe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nguwo lo umyalelo xa athe umntu wafela ententeni leyo: Bonke abangena ententeni leyo, nabo bonke abasukuba besesententeni leyo, boba ziinqambi iintsuku ezisixhenxe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nanku ummiselo ophathelele malunga nomntu ofele endlwini: nabani na olapho ngelo xesha, okanye ongenayo, uya kuba ugqwalisekile iintsuku zide zibe sixhenxe.