Numbers 19:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nosukuba ecukumisa ohlatyiweyo ngesiṙele ezindle, umhlaumbi ofeleyo kona, umhlaumbi itambo lomntu, umhlaumbi incw̔aba, yena woba enco̔lile imihla isixe̔nxe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abasukuba bemchukumisa emaphandleni obulewe ngekrele, nokuba ngofele khona, nokuba lithambo lomntu, nokuba lingcwaba: bona boba ziinqambi iintsuku ezisixhenxe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umntu osukuba echukumisa umntu obulewe ngekrele, nokuba sisidumbu, nokuba lithambo lomntu, nokuba lingcwaba, woba yinqambi iintsuku ezisixhenxe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nomntu othe engaphandle phaya wachukumisa umntu ogetyengiweyo okanye ozifele nje, okanye ochukumise ithambo lomntu okanye ingcwaba, uya kugqwaliseka iintsuku ezisixhenxe.