Numbers 19:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
woti umntu ococekileyo atabate ihisope, ayifake emanzini lawo, ati fefe pezu kwentente, napezu kwazo zonke izitya, napezu kwabantu ababeko kona, napezu kwobecukumisa itambo, umhlaumbi obehlatyiwe, umhlaumbi obefile, umhlaumbi incw̔aba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
indoda ehlambulukileyo ithabathe ihisope, iyithi nkxu emanzini, ifefe intente, neempahla zonke, nabantu ababekuyo, nalowo uchukumise ithambo, nobuleweyo, nofileyo, nokuba ke kusengcwabeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umntu ohlambulukileyo ufanele athabathe ihisope, ayifunxe emanzini, afefe ngayo intente, nasezityeni zonke, nakubantu ababelapho, nalowo uchukumise unyawo, nalowo woyisiweyo okanye obanjwe ukufa, okanye ingcwaba:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wosuka ke umntu ohlambulukileyo athathe ihlamvu lehisopu, alithi nkxu apho emanzini, atshize indlu nako konke okukuyo, ngokunjalo nabantu ababelapho kuyo. Okanye umntu ohlambulukileyo uya kuthatha loo manzi atshize lowo uchukumise ogetyengiweyo, okanye ofileyo, mhlawumbi ochukumise ithambo noba lingcwaba.