Numbers 19:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nguwo lo ummiselo womteto awuyaleleyo uyehova, esiti: Teta elusatsheni luka‐Sirayeli, ukuba luzise kuwe itokazi elibomvukazi elimsulwa, ekungeko kulo isonakalo, nekunganyukanga pezu kwalo iyokwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nguwo lo ummiselo womyalelo awumisileyo uYehova, esithi, Thetha koonyana bakaSirayeli, bakuzisele ithokazi elibomvu eligqibeleleyo, elingenasiphako, ekungabekwanga dyokhwe kulo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oko ke ukuze kuqiniselwe umyalelo awawuwisayo uYehova, esithi, Thetha koonyana bakaSirayeli, bakuzisele imazi yenkomo ebomvu, egqibeleleyo, engathwali dyokhwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wabanika le miyalelo, wathi: “Ngokommiselo kaNdikhoyo amaSirayeli makeze nethokazi lenkomo elibomvu, elingenasiphako, elingazange libotshwe,