Numbers 19:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa umntu oya kuba enco̔lile, kanti akayi kuzihlambulula, umpefumlo lowo wonqanyulwa pakati kwomhlambi: ngokuba eyinco̔lisile eyingcwele indawo kayehova; amanzi okuhlanzekisa akatshizwanga pezu kwake, unco̔lile yena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke umntu osukuba eyinqambi, angazihlambululi isono, loo mphefumlo mawunqunyulwe phakathi kwesikhungu; ngokuba uyenze inqambi ingcwele kaYehova, akatshizwa ngamanzi okuhlamba ukungcola; uyinqambi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa umntu ongahlambulukanga aze angazihlambululi, loo mphefumlo wonqunyulwa ungabikho ebandleni, ngenxa yokuba uye wayenza inqambi ingcwele kaYehova; akatshizwanga ngamanzi okuhlamba ukungcola; akahlambulukile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Umntu ogqwalisekileyo, waza akazihlambulula, umelwe kukusikwa ebantwini, kuba unyelise isibingelelo sikaNdikhoyo. Kaloku akatshizwanga ngamanzi okuhlambulula; ngako oko uhlala egqwalisekile.