Numbers 19:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo umntu ococekileyo wobuta ututu lwetokazi elo, alubeke pantsi ngapandle kwomnquba endaweni emhlope, oluya kugcinelwa intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, lube lolwamanzi okuhlanzekisa: sisihlambululo ngenxa yesono.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Indoda ehlambulukileyo yoluwola uthuthu lwethokazi, ilubeke ngaphandle kweminquba endaweni emhlophe, lugcinelwe ibandla loonyana bakaSirayeli, lube lolwamanzi okuhlamba ukungcola:lidini lesono eli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthuthu lwethokazi lenkomo indoda ehlambulukileyo yoluthabatha, ilubeke ngaphandle kweminquba endaweni ehlambulukileyo, lugcinelwe ibandla loonyana bakaSirayeli, lube ngamanzi entsomi; kukuhlanjwa kwesono.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthuthu lweli thokazi ke maluwolwe yindoda ehlambulukileyo, ilubeke endaweni ehlambulukileyo, kwalapho ngaphandle komzi wamaSirayeli, apho luya kugcinwa khona libandla, ukuze amaSirayeli alusebenzise xa esenza amanzi entlambululo okususa isono.