Numbers 2:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abo abaya kuti waca ngapambili, ngasekupumeni kwelanga, ngabebanile yebandla lika‐Juda, ngemikosi yabo: inkosi yonyana baka‐Juda yoba ngu‐Nahashone, unyana ka‐Haminadabi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abomisa phambili ngasempumalanga boba ngabebhanile yakwaYuda ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaYuda nguNashon, unyana ka-Aminadabhi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngasempumalanga, ngasekuphumeni kwelanga, bozimisa iibhanile zeminquba yakwaYuda, ngokwemikhosi yabo; yaye uNashon, unyana ka-Aminadabhi, uya kuba yinganga yoonyana bakaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kwicala lasempuma kuya kuma abembasa yendlu kaJuda ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo: Indlu Inkulu Inani AbakwaJuda uNashon ka-Aminadabhi 74 600 AbakwaIsakare uNataniyeli kaZuware 54 400 AbakwaZebhulon uEliyabhi kaHelon 57 400 Bebonke: 186 400 AbakwaJuda ke baya kusuka kuqala.