Numbers 20:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone: Ngenxa yokuba beningakolwa ndim, ukuba nindingcwalise emehl weni osapo luka‐Sirayeli, kukona ningayi kungenisa lentlanganiso kwelozwe endilinikile kuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ngokokuba ningakholwanga kum, ukuba nindingcwalise emehlweni oonyana bakaSirayeli, ngoko aniyi kusingenisa esi sikhungu ezweni endibanika lona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ekubeni ningandivumelanga ukuba ndindingcwalise phambi koonyana bakaSirayeli, aniyi kusingenisa esi sikhungu ezweni endibanika lona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wabhekisa kuMosis noAron wathi: “Ngenxa yokungandithembi nokungandiniki imbeko phambi kwamaSirayeli, anisayi kulikhokela eli bandla nilingenise kwelo lizwe ndalithembisa lona.”