Numbers 20:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwati usapo luka‐Sirayeli kuye: Siya kunyuka ngomendo; naxeshekweni sisela kwamanzi ako, mna nenkomo zam, sendiya kunika ixabiso lawo; kupela ndiya kucanda ngenyawo zam, ndingenzi nto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi oonyana bakaSirayeli kuye, Sonyuka ngomendo. Ukuba sithe sasela amanzi akho, mna nemfuyo yam, ndokuhlawulela.Akukho nto, ndocanda nje kodwa, ndihamba ngeenyawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi oonyana bakaSirayeli kuye, Sohamba ngomendo; ukuba mna nemfuyo yam singawasela amanzi akho, ndowahlawula; Ndiya nje, ndingenzi nantoni na eyenye, ndidlule ezinyaweni zam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli aphendula esithi: “Siya kuhamba ngqo ngohola. Ukuba thina okanye impi yethu ithe yasela amanzi akho, siya kuwahlawulela. Inye into esiyifunayo, kukunqumla ngeenyawo.”