Numbers 20:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
u‐Arone wobutelwa ebantwini bake; ngokuba engayi kungena kwelozwe endilinikileyo elusatsheni luka‐Sirayeli, ngenxa yokuba nibe nivukela ilizwi lam ngasemanzini e‐Meriba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAron makahlanganiselwe kwabakowabo; ngokuba akayi kungena ezweni endilinika oonyana bakaSirayeli, ngenxa yokuba nawuphikisayo umlomo wam emanzini embambano.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
“uAron uya kuthatyathwa ebantwini bakowabo, ngenxa yokuba akayi kungena kwilizwe endilinike oonyana bakaSirayeli, ngenxa yokulivukela kwabo ilizwi lam emanzini aseMeribha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Wena Aron, uza kufa; akuzi kuya kufika kwelo lizwe ndamthembisa ngalo uSirayeli. Kaloku nina nobabini nawuvukela umthetho wam eMeribha.