Numbers 20:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kunganina nokuba nisinyusile e‐Jipete, ukuze nisizise kulendawo embi? asi yindawo yembewu, neyemikiwane, neyemiti yeveyine, neyegranate; akuko manzi okuselwa kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, nisizise kule ndawo imbi kangaka? Asindawo yambewu, namakhiwane, namidiliya, nazirharnate, tu namanzi okusela!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yini na ukuba nisikhuphe eYiputa, nisizise kule ndawo imbi kangaka? asiyindawo yambewu, asiyoyamakhiwane, asiyiyo yeediliya, neyeerharnati; kwaye akukho manzi okusela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kakade, kwakutheni ukuze nisikhuphe eJiputa, nize kusifaka kwenje yona indawo, emhlaba ungavelisi nento le? Akukho ngqolowa namakhiwane, kungekho diliya narharnati; ke wona amanzi tu!”