Numbers 21:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU kwakuvakala kum‐Kanane, kukumkani we‐Haradi, obehlala esuyide, ukuba kuyeza o‐Sirayeli ngendlela yase‐Atarime, wasuka walwa no‐Sirayeli, watimba kubo amatinjwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weva umKanan, ukumkani waseAradi, obehleli kwelasezantsi, ukuba ayeza amaSirayeli ngendlela yeentlola, walwa namaSirayeli, wathimba abantu kuwo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani waseAradi, umKanan, owayehlala kwelasezantsi, weva ukuba amaSirayeli abeze ngeentlola. Waza walwa noonyana bakaSirayeli, wabathimba abanye kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ukumkani waseAradi, umKanana, owayemi emazantsi eKanana, wathi akuva ukuba amaSirayeli ayeza ngendlela esinga eAtarim, wawahlasela, wada wawathimba amanye.