Numbers 21:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwesuka nakona lwaya e‐Bere: liqula elo ekungalo wabesiti uyehova, ku‐Mosesi: Hlanganisa abantu, ndandiya kubanika amanzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Banduluka khona, baye eBhere; elo lelo qula wathi ngalo uYehova kuMoses, Hlanganisa abantu, ndibanike amanzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Besuka khona, baya eBhere; Lilo eli iqula, awathetha ngalo uYehova kuMoses, esithi, Hlanganisa abantu, ndibanike amanzi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuphuma apho ke aya kufika kwindawo ekuthiwa kuseBhere. Lelaa qula ke eli apho uNdikhoyo wathi uMosis makawaqokelele amaSirayeli, azokuwapha amanzi.