Numbers 21:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Sihone ebengavumeli u‐Sirayeli acande emideni yake; waza u‐Sihone wahlanganisa bonke abantu bake, wapumela ngakuye u‐Sirayeli, ngasentlango, wada wafika e‐Yahetsa, walwa no‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akawavumela uSihon amaSirayeli ukuba acande emdeni wakhe.USihon wahlanganisa bonke abantu bakhe, waphuma waya kuwahlangabeza amaSirayeli entlango, wafika eYatsa, walwa namaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uSihon akabavumelanga oonyana bakaSirayeli ukuba bacande ezweni lakhe; yaye wafika eYahashe walwa noSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke uSihon akavumanga ukuba amaSirayeli anqumle emhlabeni wakhe. Ndaweni yaloo nto waphuma nomkhosi wakhe, waya eJaza entlango, wawahlasela amaSirayeli.