Numbers 21:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Sirayeli wambeta ngohlangoti lweṙele, wabamba ilizwe lake kwa se‐Arenone kwada kwase‐Yaboki, kwada kwakulo usapo luka‐Hamoni: ngokuba umda wosapo luka‐Hamoni ubunqabile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
AmaSirayeli amxabela ngohlangothi lwekrele, alihlutha ilizwe lakhe, athabathela eArnon, esa eYabhoki, esa koonyana baka-Amon; ngokuba umda woonyana baka-Amon ubuliqele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamoyisa oonyana bakaSirayeli ngohlangothi lwekrele, balihlutha ilizwe lakhe, bathabathela eArnon, besa eYabhoki, besa koonyana baka-Amon, ngokuba umda woonyana baka-Amon ubuliqele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke amaSirayeli alwa alalis' ugodo, aloyisa utshaba ada awuthimba umhlaba walo, ukusukela kumlambo iAnoni ngasentla, ukuya kwiJabhoko; lelama-Amon ke elo. Kaloku umda wama-Amon wawukhuselwe.