Numbers 21:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba i‐Heshebone ibisisixeko sika‐Sihone, ukumkani waba‐Amori, obelwile nowapambili ukumkani wase‐Mowabi, waza watabata lonke ilizwe lake esandleni sake, kwada kwase‐Arenone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba iHeshbhon ngumzi wakwaSihon, ukumkani wama-Amori, owalwa nokumkani wakwaMowabhi wangaphambili, walihlutha lonke ilizwe lakhe kuye, kwesa eArnon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba iHeshbhon yayisisixeko sikaSihon, ukumkani wama-Amori, owalwa nokumkani wokuqala wakwaMowabhi waza walithimba lonke ilizwe lakhe esandleni sakhe ukuya kufikelela eArnon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
IHeshbhon le ke yayisisixeko esilikomkhulu likaSihon, ukumkani wama-Amori. Wayelwe nokumkani wamandulo waseMowabhi, waza wawuhlutha umhlaba wakhe ukuya kuma ngomlambo iAnoni.