Numbers 21:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Ungoyiki yena; ngokuba ndimnikile esandleni sako, nabo bonke abantu bake, nelizwe lake; wauya kwenza kuye, njengokuba ubusenza ku‐Sihone, ukumkani waba‐Amori, owahlala e‐Heshebone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Musa ukumoyika; ngokuba ndimnikele esandleni sakho, nabantu bakhe bonke, nelizwe lakhe, ukuba wenze kuye njengoko wenzayo kuSihon, unkumkani wama-Amori, owayehleli eHeshbhon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Musa ukumoyika; ngokuba ndimnikele esandleni sakho, yena nabantu bakhe bonke, nelizwe lakhe; uya kwenza kuye njengoko wenzayo kuSihon, ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Ungaxhali wena; naye lo ndiza kumenza abe lixhoba lakho ndawonye nomkhosi nomhlaba wakhe. Qhuba kwangalaa ndlela wawenze ngayo kuSihon ukumkani wama-Amori owayehlala eHeshbhon.”