Numbers 21:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwandulukwa entabeni ye‐Hore ngendlela yaselwandle olubomvu, ukuya kuzekelela ilizwe le‐Edome: koko umpefumlo wabantu ubudanile ngenxa yendlela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Banduluka entabeni yeHore ngendlela yoLwandle oluBomvu, ukuba bajikele ilizwe lakwaEdom; bakhathazeka abantu endleleni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Banduluka eNtabeni yeHore, ngendlela yoLwandle oluBomvu, bajikeleza ilizwe lakwaEdom; wadandatheka kakhulu abantu ngaloo ndlela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumka kwawo kwintaba iHore amaSirayeli ahamba ngendlela esinga kuLwandle oluBomvu, khon' ukuze bawucezele umhlaba wamaEdom. Endleleni ke apho amaSirayeli akruquka,